Home Iindaba Kubhubhe abantu Abathathu kwingozi kufutshane ne-Aberdeen

Kubhubhe abantu Abathathu kwingozi kufutshane ne-Aberdeen

Kubhubhe abantu abathathu kwaza ababini bonzakala ngokumandundu emva kokubhukuqa kwemoto kuhola wendlela uR61 phakathi kweAberdeen neBhofolo eKaroo ngenjikalanga yangoLwesithathu.

Isebe lezothutho eMpuma Koloni lithi umqhubi wemoto iHyundai Creta ebinabantu abahlanu uphulukene nolawulo lwemoto.

Isithethi sesebe lezothutho ephondweni, u-Unathi Binqose uthi abakhweli abathathu abangamadoda babhubhele kwindawo yexhwayelo.

Abakhweli ababini abangamadoda abonzakeleyo kuquka umqhubi basiwe kwisibhedlele sePhondo saseKrafu.

UBinqose uthi isantya kurhaneleka ukuba sesona sandla kule ngozi.

Amapolisa aseAberdeen aphanda ityala lokubulala ngokungenhloso.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks