Home Iindaba Kubhubhe abarhanelwa abathathu kudubulwano namapolisa eGqeberha

    Kubhubhe abarhanelwa abathathu kudubulwano namapolisa eGqeberha

    Ukudubulana phakathi kwamapolisa akwi-National Intervention Unit kunye nabatyholwa, kukhokelele ekubhubheni kwamadoda amathathu.

    Esi siganeko senzeke ngoLwesithathu, umhla wamashumi amabini anesibini (22)kweyeKhala, malunga nentsimbi yesithandathu (06:00) kusasa eNyamazana Informal Settlement, eKwadwesi, eGqeberha. Amalungu ayelandela ulwazi malunga nomtyholwa owayebandakanyeke kwityala lokubulala ngenyanga yeSilimela ka-2026 eKwadwesi.

    Amapolisa athathe amanyathelo ngolwazi aya kwindlu echongiweyo. Ekufikeni kwawo, awazange amfumane umtyholwa. Emva koko bemka, kwaye ngelixa besiya kwisikhululo samapolisa saKwadwesi, bafumana ulwazi lokuba umtyholwa ubuyile ekhaya. Bajika umva, kwaye xa besondela endlwini, abatyholwa badubula amapolisa, emva koko baphindezela.

    Ngexesha lokudubulana, amadoda amathathu adutyulwa abulawa kwaye abhengezwa ukuba abhubhile kwindawo yesiganeko. Emva kophando, amapolisa afumene imipu emibini engenalayisenisi (iipistoli) kunye neembumbulu. Lemipu iya kuvavanywa ukuze kuqinisekiswe ukuba iyabandakanyeka na kwezinye izenzo zolwaphulo-mthetho.

    Ukanti akukho polisa lenzakeleyo ngexesha lokudubulana. ICandelo loPhando lwaMapolisa eliZimeleyo (i-IPID) liye laya kwindawo yesiganeko kwaye liza kuphanda ityala.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks