Home Iindaba Kubhubhe isibini samabhinqa eMthatha bedutyulwa ngamadoda angaziwayo.

Kubhubhe isibini samabhinqa eMthatha bedutyulwa ngamadoda angaziwayo.

Amapolisa eMpuma Kapa azingela abarhanelwa abayanyaniswa nokubulawa kwabasetyhini ababini eMthatha.

Amapolisa eMpuma Kapa azingela abarhanelwa abayanyaniswa nokubulawa kwabasetyhini ababini eMthatha.

Esi sibini singamabhinqa esikwiminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) namashumi amahlanu anesithathu (53), bafunyenwe bebhubhile kwindawo yaseNtokozweni ngokuhlwa kwangeCawa emveni kwentsimbi yethoba (21:00).

Isithethi samaPolisa eMpuma Kapa uKapteni Welile Matyolo uthe ngokwengxelo abanayo, amadoda amabini angaziwayo atyholwa ukuba ankqokqoze kumnyango wendlu yalamabhinqa, angena ngaphakathi ze aqalisa ukudubula kulamabhinqa.

“Omabini la mabhinqa abhubhele kwindawo yexhwayelo. Unobangela wokubulawa kwawo awkaziwa okwalo mzuzu, kwaye oku kuyinxalenye yophando.”

Amapolisa aseMthatha abongoza nabani na onolwazi malunga nokubhubha kwlamabhinqa ukuba aze ngamaphambili okanye anxulumane Lieutanant Colonel Ndzamela onguMcuphi ku 082 442 0743 okanye 086 0010111.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks