ISebe lezoThutho laseMpuma Koloni likhuphe ingxelo yokuba kuswelekile umntu omnye kwaye abanye ababini bonzakele emva kwengozi ebandakanya izithuthi ezimbini zemali kunye neHyundai H-1 enezihlalo ezisixhenxe kwi-N2 eGamtoos Hill.
Iingxelo zokuqala zibonisa ukuba isithuthi sohlobo le Hundai H-1 besihamba kwicala elingalunganga lendlela xa sangqubana nesinye sezithuthi ezixhobileyo. Kwimizamo yokuphepha ingozi, imoto yesibini yemali yaphuma endleleni yaza yangena kumngxuma.
Umqhubi wesithuthi we-Hundai H-1 ubhengezwe njengobhubhele kwindawo yengozi, ngelixa oonogada ababini bonzakele kwaye bathuthwa basiwa esibhedlele ukuze bafumane unyango.
Indawo yengozi isaphandwa, kwaye iNkonzo yamaPolisa aseMzantsi Afrika iya kufumanisa unobangela wengozi.
ISebe lidlulisa amazwi ovelwano kusapho lexhoba kwaye linqwenelela abo benzakeleyo ukuchacha ngokukhawuleza. Abaqhubi beenqwelo-mafutha bayacelwa ukuba bahlale bephaphile kwaye bathobele imithetho yendlela ngamaxesha onke.

