Amapolisa aseGqeberha aphanda ityala lokuphanga kuxhotyiwe emva kokuba amadoda asibhozo exhobile ejolise kwivenkile yefenitshala eNorth End ngoMvulo.
Isithethi samapolisa uKapteni Andre Beetge uthi ngezithuba zentsimbi yesibhozo ekuseni umsebenzi wale venkile eku Govan Mbeki Avenue ebesele ezakungena evenkileni ngethuba egagana ngala madoda.
Uthi bamnyanzele evenkileni bamyalela nabanye abasebenzi ukuba baye kwigumbi elingasemva apho babebotshelelwe ngamaqhina entambo.
UKapteni Beetge uthi la madoda abaleke nee-30 zeplasma TVs 4 microwaves, iifowuni ezisixhenxe, imali kunye nezinto zabasebenzi.
Abarhanelwa babaleke nempahla yabo kwiminibus emhlophe yohlobo lweToyota.
Ityala lokuphanga ishishini liyaphandwa.
