Kubulewe inkondekazi etyholwa ngokuthakatha eNgcobo

Amapolisa aseNgcobo aphanda ityala lokubulala emva kokubulawa ngolunya kowasetyhini oneminyaka engamashumi asixhenxe aneaihlanu (75) ubudala eZadungeni, eLuthuthu eNgcobo ngentsasa yangeCawa umhla weshumi elinesixhenxe (17) kuCanzibe.

Kuthiwa ixhoba, elibizwa ngokuba nguNksz Nokhansala Sidiki, lithathwe ekhayeni lalo ngamalungu athile osapho laza lasiwa kumlambo okufutshane. Apho, lityholwe ngobugqwirha, lahlaselwa ngeplanga, laza emva koko larhaxwa. Umzimba walo wafunyanwa uze ecaleni komlambo unemivumbo entloko nasebusweni, kunye namabala okukrwitshwa entanyeni.

Abarhanelwa babalekile kwindawo yesiganeko kwaye abaziwa okwangoku. Akukho mntu ubanjiweyo okwangoku.

Ityala liphantsi kophando yi-SAPS Detective Unit. Iingxelo zamangqina ziyafunyanwa, kwaye ubungqina bezomthetho buqokelelwe kwindawo yesiganeko.

ULieutenant General Vuyisile Ncata, uMkomishinala wePhondo laseMpuma Koloni, ugxeke esi senzo sibi. “Olu luhlaselo olubi noluphazamisayo kakhulu kumama omdala osengozini. Ukutyhola umntu ngobugqwirha nokuthatha umthetho ezandleni zakho akuphelelanga nje ekubeni ngokungekho mthethweni kodwa akunabuntu. Asiyi kushiya litye lingakhange lijikwe de abo banetyala babanjwe kwaye bajongane namandla omthetho. Ndikwabiza iinkokheli zoluntu ukuba zisincede sisuse le ngcinga iyingozi yobulungisa besihlwele. Ukuba kukho into oyaziyo, thetha; ukuthula kukwenza ube yinxalenye yale ngxaki,” utshilo uLieutenant General Ncata.

Nabani na onolwazi angaqhagamshelana neCrime Stop ku-08600 10111 okanye axele ngokungaziwa nge-app yeMySAPS. Lonke ulwazi luya kuphathwa ngasese.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19.4 ° C
19.4 °
19.4 °
43 %
1.3kmh
94 %
Mon
22 °
Tue
19 °
Wed
20 °
Thu
27 °
Fri
24 °

EZITHANDWAYO INDABA