Amapolisa aseMonti akhangela abarhanelwa abathathu abaphanga ivenkile yakwaWoolworths kudederhu lweevenkile eHemingways isixamali esingachazwanga.
Isithethi samapolisa, uColonel Priscilla Naidu, uthi esi sehlo senzeke ngentsimbi ye-06:30 kusasa ngeCawe.
Uthi omnye umsebenzi uye wafika kumrhanelwa wangena ngesango labasebenzi, waza wambonisa umpu.
Kwangena abanye abarhanelwa ababini baza bathatha abasebenzi babasa kwigumbi eliphezulu ukuze bafumane umphathi owayenezitshixo zesefu.
UNaidu uthi abarhanelwa bayalele umphathi ukuba avule isefu abanike imali.
Uthi bathathe isixa-mali esingachazwanga babaleka ngemoto yohlobo lweSuzuki Swift emhlophe, ingenanombolo pleyiti.
Kwavulwe ityala lokuphanga ishishini kwaye uphando luyaqhuba.
