UMkomishinala wePhondo leMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene, umemelele icandelo lolwaphulo-mthetho olunobundlobongela kwiphondo ukuba likhawulezise uphando ngokubulawa kwamalungu osapho amahlanu kuTsolo ngobusuku baphezolo, umhla wesine (04) kweyeSilimela 2024, kunye nelinye ilungu losapho ngobusuku bangoMvulo.
Kutyholwa ukuba ngomhla wesithathu (03), indoda eneminyaka engamashumi amane anesithathu (43) ubudala idutyulwe yaze yabulawa ngaphandle komzi kayisemkhulu eMpoza.
Kutyholwa ukuba ngomhla wesine (04) ngentsimbi yeshumi elinesithoba (19:00pm), abamelwane beva izithonga zompu kuronta waseMpoza kuTsolo.
Kuphando, imizimba yamadoda aneminyaka engamashumi asixhenxe anesithandathu (73) kunye namashumi asixhenxe anesihlanu (75) ubudala afunyenwe enamanxeba eembumbulu.
Kwangaxeshanye, abanye abantu abathathu (3), abaneminyaka engamashumi amathandathu (62-67) ubudala (amadoda namabhinqa amabini) badutyulwe babulawa kwikhaya elikufutshane kwindawo enye. Kutyholwa ukuba bebezalana namanye amaxhoba amathathu. Ngokwengxelo yamapolisa kufike amadoda amabini angaziwayo axhobileyo adubula amaxhoba entloko.
Isizathu sohlaselo olungenangqiqo luyaphandwa. Bebonke abantu abathandathu (6) bosapho olunye babulawe.
ULt Gen Mene ubongoza nabani na onokuthi ancedise ngolwazi olunxulumene nokubulawa kwabantu ukuba eze ngaphambili.
‘Sifuna intsebenziswano yabahlali ekusincedeni ukuba bagwebe abenzi bokubulala manyukunyezi nangokukhohlakeleyo. Ezi zenzo zobundlobongela zingekho ngqiqweni zilulwaphulo-mthetho kuphela kwaye kufuneka zigwetywe ngeyona ndlela. Asizukuvumela abaphuli-mthetho ukuba babangele uloyiko kwiindawo esihlala kuzo, ”wongeze watsho uLt Gen Mene.
By Anita Qubula.
