Kufunwa imali ekwisigidi seerandi ukuze kubuyiswe ngokukhuselekileyo usomashishini waseGqeberha, oxhwilwe eMotherwell ngoLwesibini.
Umnikazi wevenkile yehardware oneminyaka engamashumi amahlanu anesine ubudala, uZahir Bayit, uthathwe liqela lamadoda malunga nentsimbi yesihlanu malanga.
Isithethi sebutho looKhetshe ephondweni, uKapteni Yolisa Mgolodela, ukungqinile oku kuxhwilwa kodwa wathi uBayit akakabonwa.
Ngokutsho kwakhe uphando lwabo ngesi siganeko sele lukhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa abathathu.
Ngeli xesha, imifanekiso yevidiyo yesi siganeko ekwabelwana ngayo kumajelo eendaba ezentlalo ibonisa uBayit ephuma evenkileni ehamba kwicala lemoto emhlophe epakwe ecaleni komatshini we-ATM ongesosigxina.
Uthe xa efika kwicala lomqhubi wesithuthi udibana namadoda amabini.
I-SUV esiliva iye yatsala yamisa emva kwemoto emhlophe, phambi kokuba amadoda amahlanu atsibe ngaphandle kwaye abonakale edubula emoyeni, ngelixa abanye ababehamba nabo bebonwa bekhupha imipu.
UBayit unyanzeleke ukuba angene kwisitulo esingasemva seSUV esiliva phambi kokuba abarhanelwa baqhube.
Akukho lwazi lungaphaya lufumanekayo okwangoku kwaye uphando lweeHawks luyaqhuba.
