Home Iindaba Kuhlatywa ikhwelo ukuba abasetyhini bafumane ikhefu ehlawulelweyo njengoko bezakuvala izwe lonke ukulwa...

    Kuhlatywa ikhwelo ukuba abasetyhini bafumane ikhefu ehlawulelweyo njengoko bezakuvala izwe lonke ukulwa ukuxhatshazwa koluntu ngokwesini eMzantsi Afrika

    By Sophumelela Singqota

    Liyenyuka ikhwelo lokuba abaqeshi boMzantsi Afrika banike ikhefu elihlawulelweyo abasetyhini abafuna uthatha inxaxheba kuvalo lwelizwe elwenziwa yi Women For Change (WFC) ngomhla wamashumi amabini ananye kweyeNkanga.

    USongezo Zibi, inkokeli yeRise Mzansi, ungomnye wabo bebememelela oku, esithi uyalixhasa eli phulo.

    “I-WFC ayingombutho wamaqela kwaye ayinxulumananga naliphi na iqela lezopolitiko, kwaye iqaqambisa umba obalulekileyo,” utshilo. “UMzantsi Afrika lilizwe elinobundlobongela, ingakumbi kwabasetyhini kunye nabantu boluntu lwe-LGBTQI…Ilizwe linobundlobongela obugqithileyo kubantu basetyhini. Oku kubangela ingxaki, imeko yonxunguphalo, kwaye kufuneka siyiphendule ngolo hlobo.”

    Wagxininisa kwelokuba amadoda nawo amele athwale uxanduva. “Le asiyongxaki yowasetyhini kuphela, kodwa yingxaki yoluntu nengxaki yamadoda.

    “Ke ngoko, ndicela bonke abaqeshi ukuba banike bonke abafazi abafuna ukuthatha inxaxheba kuvalo lelizwe bafumane ikhefu ehlawulelweyo ngalo mhla. Mabangayithathi kwikhefu labo. Kufuneka bahlawulwe.”

    I-WFC icele abasetyhini kunye ne LGBTQI+ ukuba barhoxise bonke umsebenzi, abahlawulwayo nabangekahlawulwa, bangasebenzisi imali, kwaye bathabathe inxaxheba kumfanekiso wokungqengqa wemizuzu eli-15 emini emaqanda ukumela inani labasetyhini ababulawa mihla le eMzantsi Afrika.

    Umongameli uCyril Ramaphosa uyivumile imeko emaxongo, esithi abasetyhini banezizathu zokothuswa bubundlobongela abajongene nabo.

    “Ukuxhatshazwa kunye nokubulawa kwabasetyhini okwenzeka kwilizwe lethu akwamkelekanga kwaphela. Amadoda ayaqhubeka exhaphaza kwaye ebulala abantu basetyhini. Asikwazi ukuyamkela le nto, kwaye ndinokuqonda okupheleleyo, uvelwano olupheleleyo nabasetyhini belizwe lethu,” utshilo.

    Ubongoze bonke abemi ukuba bazibandakanye nalo mlo. “Wonke umntu elizweni kufuneka athathe inxaxheba,” utshilo. “Ngexesha le-Covid-19 ukuxhatshazwa koluntu ngokwesini yayingomnye ubhubhane kuba ngelo xesha, sabona enyukela phezulu amazinga okuxhatshazwa koluntu ngokwesini.”

    Kodwa iWFC yasigxeka isimo sakhe njengenganelanga.

    “Mnumzana Mongameli, kutheni kunzima kangaka kuwe ukutsala abafazi nabantwana beli lizwe kwindawo ekhuselekileyo?” babuza. “Kutheni kunzima kangaka ukubhengeza ukuba ukuxhatshazwa koluntu ngesini yintoni ngokwenene, intlekele yesizwe? Asiceli nto ingaqhelekanga. Sicela ilungelo lokuhlala uphila.”

    Ukapteni wesizwe wombhoxo uSiya Kolisi naye uvakalise inkxaso yakhe, ekhuthaza umboniso obonakalayo womanyano.

    Emva kokuphumelela kweSpringboks kwi-Italy, uthe: “Enkosi ngokusixhasa ngokunxiba uhlaza rhoqo ngooLwezihlanu. Ndiyazi ukuba sinengxaki enkulu yokubulawa kwabasetyhini ekhaya, abafazi nabantwana basengxakini. Abantu bahlala benxiba luhlaza kodwa ngoku ndicinga ukuba singayitshintsha ibe mfusa ukuze sime nabo”.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks