By Nyameka Lamani
Ibanjiwe indoda enamashumi amathathu anesine(34) ubudala eLibode kulentsasa yomhla wesihlanu(05)kweyeNkanga ka 2025 nanjengoko ifunyenwe inompu ongekho mthethweni weAK-47 kunye neziyobisi ngethuba kuqhutywa ugqogqo eLibode.Oku kuqhutywe ligqiza eliseMthatha elisebenzayo lesithili se OR Tambo (i-OR Tambo District Task Team), ngethuba beqhuba iphulo lobuntlola ngentsimbi yesithathu kusasa(03:00) kwingingqi yaseMoyeni,eMarubeni A/A njengenxalenye yeenzame zokuqinisa ukhuseleko phambi kwexesha leeholide zeKrisimesi.
Ebudeni beli phulo, amapolisa afumane lo mpu ungekho semthethweni kunye neembumbulu. Bakwabhaqe neziyobisi, eziquka iibhompi zentsango kunye neengxowa zeTik, kunye nemali ekukholelwa ukuba yingeniso yokuthengisa iziyobisi. Umrhanelwa akakwazanga ukukhupha iphepha-mvume lompu kwaye uye wabanjwa. Uzakuvela enkundleni ngoLwesine, umhla wesithandathu(06) kweyeNkanga ka-2025, ejongene nezityholo zokuba nompu,iimbumbulu ngokungekho mthethweni kunye neziyobisi .
UMkomishinala weSithili sase-OR Tambo, uMajor General Norman Modishana, uncome amapolisa ngokuzinikela ekunciphiseni ulwaphulo-mthetho kule ndawo. Ugxininise ukuzinikela kwabo ekuqinisekiseni ukhuseleko loluntu, ingakumbi njengoko imisebenzi isanda ngexesha leeholide zeKrisimesi.
