Kukhangelwa abarhanelwa ababandakanyeka kwisiganeko sokudutyulwa kukanoteksi nomhlobo wakhe eNgqamakhwe ngoMvulo, umhla wamashumi amabini anesixhenxe(27)kweyeDwarha, ngo-2025, ngamapolisa. Esi sehlo senzeke malunga necala emva kwentsimbi yesibini emini nalapho abomthetho babizelwa kwindlela yegrabile kwindawo yaseJekezi.
Afikile kwindawo yexhwayelo amapolisa, afumana iveni emhlophe iDouble Cab Toyota inemingxuma yeembumbuluU.Lafunyanwa libhubhile ixhoba elineminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe(37) ubudala, kwisitulo somkhweli enamanxeba okudutyulwa,elinye ixhoba eli elineminyaka engamamashumi mane anesibini(42) ubudala, lalikwindlela yegrabile,nalo linamanxeba okudutyulwa.
Inkcukacha ngabafi zisafihlwa ngabasemagunyeni de kube inkqubo yesazisi esisemthethweni igqityiwe. Uphando lokuqala ludize ukuba amaxhoba adutyulwe ngabarhanelwa ababehamba ngeSUV emhlophe iSuzuki. Icandelo lolwaphulo-mthetho olungqongileyo kwiphondo liphethe eli tyala, kwaye akukabikho mntu ubanjiweyo.

