Home Iindaba Kungcoliswe ingcwaba likaRobert Sobukwe phakathi kwedabi lokutshintsha igama laseGraaff Reinet

    Kungcoliswe ingcwaba likaRobert Sobukwe phakathi kwedabi lokutshintsha igama laseGraaff Reinet

    Uphando luyaqhubeka emva kokonakaliswa kwengcwaba lenkokeli eyayichasene nocalucalulo ekwayiyo nenkokheli yePan-Africanist uRobert Sobukwe

    Ingcwaba eliseGraaff-Reinet lifunyenwe lonakele ngoLwesithathu umhla weshumi elinesibhozo (18) kweyoKwindla kusasa, emva kweentsuku ezimbalwa amalungu oluntu ebambe umngcelele exhasa ukubizwa ngokutsha kwedolophu ibe yiRobert Sobukwe Town.

    Umzukulwana kaSobukwe, uMangaliso, uthi usapho lushiyeke lothukile kwaye lubuhlungu kakhulu emva kokufumana imifanekiso yendawo engcolileyo.

    Uthi kubuhlungu ukuba “nakwindawo yakhe yokuphumla, uSobukwe akakwazi ukuphumla,” wongeza ngelithi usapho lukholelwa ukuba ukonakaliswa kusenokunxulunyaniswa neengxwabangxwaba eziqhubekayo malunga nokutshintshwa kwegama ledolophu.

    Ngempelaveki, uninzi lwabemi bahlanganisene embindini wedolophu bexhasa ukubizwa ngokutsha. Nangona kunjalo, kwiiveki ezimbini nje ngaphambili, amanye amalungu oluntu enze imiboniso echasene notshintsho, ecela ukuba iGraaff-Reinet igcine igama layo lokuqala.

    UMangaliso uthi ukungcoliswa okuphindaphindiweyo kwengcwaba likaRobert Sobukwe bekuqhubeka iminyaka, kwaye ngoku kufikelele kwinqanaba apho kufuneka kuphele khona.

    Uthi kuyaxhalabisa kakhulu ukuba nanini na xa kuvela uxinzelelo, indawo yengcwaba ijoliswe kuyo – ngokungathi uSobukwe ngokwakhe ucele ukuba idolophu ibizwe ngegama lakhe.

    Uyongeza ngelithi le meko “idibene ngokucacileyo nezinto ezingaphakathi kwidolophu ezingafuni ukubona utshintsho

    Utshintsho lwegama lwapapashwa ngokusemthethweni ngomhla wesithandathu (6) kweyoMdumba, kunye nabanye abaninzi kulo lonke ilizwe.

    Amapolisa aqinisekisile ukuba akukho babanjwayo okwangoku, uphando luyaqhubeka.

    IKomiti yaMagama eNdawo ayikazi kuphawula okanye iqinisekise ukuba ukungcoliswa kwegama kunokuthiwa kunxulumene notshintsho lwegama.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks