26.8 C
King William's Town
Tuesday, March 17, 2026

Kuphangwe ivenkile ekudederhu lweevenkile kwiNtshona yeGqeberha

Amapolisa aseGqeberha aphanda ukuphangwa kweshishini kudederhu lweevenkile kwingingqi eseNtshona yesixeko okwenzeke malunga nentsimbi yesithandathu (18:00) ngenjikalanga yangoMvulo umhla weshumi elinesithathu (16) kweyoKwindla.

Isithethi samapolisa uKapteni uSandra Janse Van Rensburg uthi amadoda asixhenxe (7) abexhobe ef’amacala athi ajongane nomphathi wevenkile ephethe izibhamu, emnyanzela ukuba abuyele ngaphakathi evenkileni.

Uthi abasebenzi bebevalelwe kwigumbi lokugcina impahla ngelixa abarhanelwa bengena kwisefu kwaye bakhupha izinto kwiikhabhathi zokubonisa.

Amapolisa axela ukuba abaphangi babaleke ngeenyawo neefowuni ezimalunga namashumi amathandathu anesibini (62), imali, kunye neempahla, kwaye ilahleko iyonke iqikelelwa kwi-R118 000.

Akukho kudubula kwenzekileyi, kwaye akukho mntu wenzakeleyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
26.8 ° C
26.8 °
26.8 °
52 %
1.6kmh
41 %
Tue
33 °
Wed
29 °
Thu
32 °
Fri
27 °
Sat
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks