
Oonqevu baqweqwedise esinye isithuthi seQela loKwakhiwa kweNdlela leSebe lezoThutho eMpuma Koloni, abanqevu baye bakhomba ngompu umqhubi waze umqhubi wayo wagcinwa eAskeaton ngaphandle nje kwaseCofimvaba ebusuku izolo, umhla wamashumi amabini anesithathu (23) kweyeKhala 2025.
Esi sithuthi besisenza umsebenzi kwinkqubo yokulungiswa kwendlela kwenye yeendlela ezisemaphandleni xa iqela lamadoda axhobileyo esithuthi sohlobo lweVW Polo emisa ngenkani umphathi owayeqhuba iDouble Cab Bakkie. Bafuna izitshixo zeveni, bambeka kwisitulo esingasemva baqhuba naye umgama omde ngaphambi kokuba bamkhulule.
Likwazile ukuqhagamshelana neofisi yesebe ixhoba kunye namapolisa ukuze banike ingxelo ngesi sehlo. Umkhondo wesithuthi uye wasebenza ngoko nangoko kwaye emva kweeyure, iveni yafunyanwa ishiywe ehlathini kwilali yaseCofimvaba. Kodwa ootsotsi babesele bezityhuthule ezinye izinto ezibalulekileyo.
Ifoto: ISebe lezoThutho eMpuma Koloni.
ISithethi seSebe lezoThutho eMpuma Koloni, uUnathi Binqose uthi luya luqatsela uhlaselo lwezithuthi zesebe ephondweni.
Olu luhlaselo lwesithathu olulolu hlobo kuhlaselo lwezithuthi zesebe lolwakhiwo lwendlela kwisithili saseChris Hani kuphela, kwaye luhlaselo lwesine eMpuma Koloni kwisithuba seeveki nje ezintlanu. Lonke olu hlaselo lubuyisela umva kakhulu kwiinzame zesebe zokuhoya imingeni yeziseko zophuhliso lweendlela zasemaphandleni kwiphondo,” utshilo uBinqose.