Home Iindaba Kutshayiswe umtu wabhubha yimoto ethe yabaleka emva koko

    Kutshayiswe umtu wabhubha yimoto ethe yabaleka emva koko

    Crime scene investigation

    Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe ukuze kuqhutyekwe nophando emva kokuba umntu omnye eswelekile kwindlela uR63 eBisho esingise eKomga.

    Esi sehlo senzeke ngo-02.06.2022 kwindlela uR63 eQonce kufutshane nesibhedlele saseBisho esingise eKomga malunga nentsimbi yeshumi(22H00). Ixhoba eliyindoda emnyama libhengezwe njengelibhubhileyo kwindawo yengozi, isithuthi esibandakanyekayo asizange sime ukuze sifumane uncedo olungakumbi kwixhoba.

    Abasebenzisi beendlela bayabongozwa xa besebenzisa iindlela zethu ukuba banxibe impahla ebonisayo baze banqumle ezindleleni zethu xa kukhuselekile ukwenza oko. Ebusuku sibongozwa ukuba sihambe ngababini ukuze kuncitshiswe ezi ntshukumo zingeyomfuneko zishiye abasebenzisi bendlela bengenamandla.

    Ityala lokubulala ngokungenhloso livuliwe eBisho Saps ukuze kuqhutyekwe nophando.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks