Kudutyulwe kwabulawa ngesihlungu ityendyana lomfana oneminyaka engamashumi amabini anesine (24) ubudala liCandelo leTRT ngenj’ixukuxa malunga necala emva kwentsimbi yesithathu (03:30) ngoLwesine umhla weshumi elinesibini (12) kweyoKwindla.
Ukanti umrhanelwa bekulixesha ezingelwa ngabakwasidlodlo etyatyekwa amatyala aquka ukudlwengula, ukuphanga kuxhotyiwe, nokubulala phakathi kwamanye.
Othethela inkonzo yesipolisa eMpuma Koloni uSiphokazi Mawisa uqinisekise ukubulawa komrhanelwa, esithi sele kukixesha amapolisa ezingela ixhoba kwaye ebenayo nesigunyaziso sokubanjwa kwakhe.
UMawisa uthi umrhanelwa uwabone kuqala amapolisa esekhayeni lakhe eNgcingwana, eNdakane kwidolophu yaseDutywa. Kusenjalo kwilinge lomrhanelwa lokubaleka, abakwasidlodloa ababethanga caleni Koko bakwazile ukufumana.
Iingxelo zidiza ukuba umrhanelwa ukhuphe umpu kuqala ze iqela le TRT laphendula ngezalo lamosela.
Ukanti amapolisa afumene umpu kwindawo yesiganeko, elityala lidluliselwe kwicandelo elizimeleyo elphanda amapolisa i-IPID

