Uphando lokukhangelwa kwentwazana ebexelwe njengelahlekileyo lutshintshiwe, ngoku kuphandwa elokubulala emva kokuba kufunyenwe umzimba wentwazana eneminyaka engamashumi amabini anesine (24) ubudala ungcwatyiwe eFort Beaufort, ngomhla wesine (04) kweyeSilimela izolo.
Isoka lakhe elineminyaka engamashumi amathathu anesine (34) ubudala libanjiwe ngezityholo zokubulala. Uphando lwamapolisa luyaqhuba.
Umtyholwa uzakuvela kwinkundla yamatyala eFort Beaufort ngomso umhla wesithandathu (06) kweyeSilimela 2024.
By Anita Qubula.
