Sivulwe ngokusesikweni ngoLwesihlanu, umhla wamashumi amabini anesibhozo isibhedlele sobugcisa saseSipetu nesikwilali yaseSilindini kuNtabankulu, kwisithili saseAlfred Nzo.
Lo msitho ubuzinyaswe yinkulu baphathiswa yephondo leMpuma Koloni, ULubabalo Oscar Mabuyane, Umpathiswa wesebe lezeppilo ephondweni, uNomakhosazana Meth kwakunye nomphathiswa weli sebe kuZwelonke, uGqirha Joe Phahla. Eli sebe lichithe amakhulu amathandathu anamashumi asibhozo ezigidi zerandi(680 million) ekwakheni ngokutsha eliziko lempilo, kwaye lithembisa ukuguqula umgangatho weenkonzo zokhathalelo lwempilo kwiinzame zabo zokubonelela ngeziphumo ezizezona ziphezulu zempilo kubantu beli phondo.
Esi sibhedlele sakhiwa ngabefundisi baseDatshi ngonyaka ka-1963, ngenxa yezinga eliphezulu losulelo lwe-TB, kwakunye nokufa okunxulumene nako ngelo xesha. lomeleza neenkonzo eziphuhliswe kakhulu zezigulana, eziquka amagumbi anamhlanje akumgangatho ophezulu ezineebhedi eziqhelekileyo, igumbi labantwana, amagumbi aphambi kwanasemva kokubeleka.
Kukwakho namagumbi ezifo ezosulelayo ezineebhedi ezingamashumi amabini, amagumbi ekwenziwa khona uhlinzo asebenzayo nezivumela iinkqubo ezahlukeneyo zokusebenza, isebe le-radiology yobuchwepheshe obuphezulu, indawo yokuhlala yabasebenzi kunye ne-helipad entsha ukulungiselela ukuthunyelwa kongxamiseko.
UMphathiswa uGqirha Phahla, ubonakalise uchulumanco ngokuziswa kweziseko zophuhliso ezilolu hlobo, kwaye uRhulumente usezakuqhubekeka nokuzama ukuvala umsantsa phakathi kokhathalelo lwezempilo lwabucala nololuntu, ngexa uMeth, echaze eli ziko ngesona sibhedlele siphambili emaphandleni kweli phondo, kodwa siphakathi kwezona zibalaseleyo kweli lizwe loMzantsi Afrika.
Ingxelo: Luviwe Phinda
