ISebe lezoThutho laseMpuma Koloni liqaphele ngenkxalabo enkulu ingozi yemoto esube imiphefumlo yabantu eyenzeke kwindlela u-R67 phakathi kweBalfour neSeymour ekuqaleni kwale mini yanamhlanje umhla weshumi elinesithathu (16) kweyoKwindla ka-2026.
Iingxelo zokuqala zibonisa ukuba itrektara erhuqa itreyila ibisuka eBalfour isiya eSeymour xa umqhubi kuthiwa uphulukene nolawulo, yajika.
Esi siganeko sibangele ukusweleka kwabakhweli ababini, bobabini amadoda amadala aneminyaka engamashumi amathathu (30) kunye namashumi amathathu anesine (34) ubudala. Umqhubi, indoda eneminyaka engamashumi amathathu (30) ubudala, wenzakele kakhulu waza wathunyelwa kwiSibhedlele sePhondo saKwaMaqoma apho afumana khona unyango.
ISebe lidlulisa amazwi ovelwano kwiintsapho nakubantu abachaphazelekayo ngeli xesha linzima kwaye linqwenelela umqhubi owenzakeleyo ukuchacha ngokukhawuleza.
ISebe likwabongoza bonke abasebenzisi bendlela, ingakumbi abaqhubi bezithuthi zezolimo ezihamba kancinci, ukuba baqaphele kakhulu ezindleleni zikawonke-wonke kwaye baqinisekise ukuba izithuthi kunye neetreyila ziyazithobela zonke iimfuno zokhuseleko lwendlela kunye nobhaliso.

