Home Iindaba Lihlehliselwe uLwesithathu tyala lokubulala abantu abaninzi eLusikisiki

    Lihlehliselwe uLwesithathu tyala lokubulala abantu abaninzi eLusikisiki

    Liza kuqhubeka ngoLwesithathu umhla wesithathu (3) kweyoKwindla ityala lamadoda amathandathu (6) atyholwa ngokubulala abantu abalishumi elinesibhozo (18) eLusikisiki kunye nosopolitiki waKwaBhaca. Lo mbandela uhlehliswe kwiNkundla ePhakamileyo ehleli eLusikisiki ngoMvulo emva kokuba ummangalelwa wesine kweli tyala, uBonga Hintsa, engenise isiqinisekiso sikagqirha waza akakwazi ukuya enkundleni.

    Ityala phakathi kwetyala lichotshelwa ukufumanisa ukuba izivumo zabanye babatyholwa zafunyanwa ngokunyanzelwa kusini na. Umtyholwa okwinombolo yesihlanu, uSongezo Vuma, akaziphikisanga zombini iintetho zakhe malunga nokubulawa kwabantu kwaKwaBhaca naseNgobozana. Bonke abarhanelwa basavalelwe.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks