Home Iindaba Linenkqubela phambili ityala lokubulala nokonzakalisa laseNew Brighton

Linenkqubela phambili ityala lokubulala nokonzakalisa laseNew Brighton

UMkomishinala weSithili saseNelson Mandela Bay, uNjengele Vuyisile Ncata uncome umcuphi wenkonzo yesipolisa eNew Brighton ngokukhawulezisa ukubanjwa komrhanelwa omnye ekutyholwa ukuba uyabandakanyeka ekubulaweni kukaMarlene Prinsloo owangxwelerheka kunye nesinqanda-mathe sakhe esingumqhubi weloli owenzakale ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesibini (22) kweyeSilimela kulo umiyo , eNew Brighton.

Ngomhla okhankanywe, malunga nemizuzu nje embalwa phambi kokubetha kwentsimbi yesibini ekuseni kusa (01:49,) esi sibini sasihleli kwilori yaso yokutsala iimoto eKings Beach xa sifikelwa yindoda eyabaxelela ukuba ifuna uncedo njengoko iToyota Corolla yayo iye yaxinga kwisanti yolwandle kwaye yayifuna ukuba bakhutshelwe ngaphandle. Umqhubi welori wayincedisa le ndoda emva kokuba bevumelene ngentlawulo. Emva kokubona esi sibini ukuba akanamali kuye, samlandela saya eNew Brighton ukuze sifumane imali. Enye indoda kunye nabasetyhini ababini bakhaphe umqhubi weToyota Corolla. Bathe xa besondela kwisitalato iShiya Kulati, umqhubi upweToyota Corolla wajikela kwisitalato uMtiya wamisa isithuthi. Umqhubi welori erhuqayo wema, xa ebuza ngentlawulo, wadutyulwa ngumqhubi, waza umkhweli wakhe wonzakala. Umqhubi welori wabaleka waya kwisibhedlele sabucala eKorsten apho kwafunyaniswa ukuba uMarlene Prinsloo, oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) ubudala wayesele eswelekile ngelixa umqhubi walaliswa ukuze afumane unyango olongezelelweyo.

Njengoko uphando luqhubeka, umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesine (34) ubudala wabanjwa ngoLwesihlanu, umhla weshumi elinethoba (19) klenyanga, kwindlu eseJoe Slovo. Umrhanelwa uvalelwe ngezityholo zokubulala nokuzama ukubulala. Uphando lusaqhuba, kwaye kusaza kubanjwa abanye abantu.

Umrhanelwa uzakuvela kwinkundla kamantyi yaseNew Brighton ngoMvulo, umhla wamashumi amabini anesibini (22) kweyeKhala.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks