Home Iindaba Lisenokurhoxiswa ityala lokubulala elijongene noMama obulele umdlwenguli wentombi yakhe.

Lisenokurhoxiswa ityala lokubulala elijongene noMama obulele umdlwenguli wentombi yakhe.

I-NPA eMpuma Kapa ivumile ukuba isenokulirhoxisa ityala lokubulala elijongene noMama oneminyaka engamashumi amane anesine (44) ubudala otyholwa ngokubulala umdlwenguli wentombi yakhe ekhubazekileyo, kuba bafumanise ukuba ebekhusela umntwana wakhe.

Umfanekiso: UMphathiswa woPhuhliso loLuntu, Bukiwe Fanta. Ifoto: Rhodes University.

By Asipile Kitchen.

I-NPA eMpuma Kapa ivumile ukuba isenokulirhoxisa ityala lokubulala elijongene noMama oneminyaka engamashumi amane anesine (44) ubudala otyholwa ngokubulala umdlwenguli wentombi yakhe ekhubazekileyo, kuba bafumanise ukuba ebekhusela umntwana wakhe.

Oku kulandela ukwanda kwenkxaso yoluntu ibongoza ukuba lirhoxiswe eli tyala, kunye noMphathiswa woPhuhliso loLuntu lwaseMpuma Kapa, uBukiwe Fanta, ekhokela ikhwelo. UFanta uzichaze izenzo zeli nina njengelokukhusela umntwana walo kwixhoba elinogonyamelo kwaye wavuma ukuba uzolikhapha eli nina ukuya enkundleni ngoLwesibini, umhla weshumi elinesihlanu (14) kuTshazimpuzi 2025.

I-Ofisi kaFanta ikwabhengeze ukuba izimisele ukubhalela i-NPA ileta ecela ukuba ityala lihlaziywe ngovelwano nangengqiqo.

ISithethi se-NPA uLuxolo Tyali uthe eli tyala lidluliselwe kuMlawuli woTshutshiso loLuntu (DPP) ukuze kuqhutyekwe nophando, emva kwesimangalo salomama sokuba wayekhusela intombi yakhe.

“Ukuba kungqiniwe ukuba lo mama wenze esi senzo ekhusela intombi yakhe, sizakuyithatha njengetyala lokukhusela,’’ utshilo uTyali, othe bayibonile ingxelo kaFanta ngalomba kwaye basalindele imbalelwano esesikweni evela kuye ngalo mba.

Kutyholwa ngokuba inkosikazi yase-Lady Frere yayiye kwikhaya lendoda eneminyaka engamashumi asithandathu anesihlanu (65) ubudala xa yafika le ndoda nentombi yayo benxiba bobabini. Kutyholwa ngokuba intombi yakhe yalatha ilungu langasese xa ibuzwa ukuba kwenzeke ntoni.

Kuthiwa lo wasetyhini waqalisa ukuhlasela le ndoda waze wancediswa ngabanye abahlali. Le ndoda etyholwa ngokudlwengula yabethwa yabhubha waze wabanjwa lo wasetyhini.

UFanta ugxininise ukuba eli tyala kufuneka lijongwe yimeko yeBhodi yoMzantsi Afrika yeZinga eloThusayo lobuNdlobongela obuSekelwe kwiSini.

“Nawuphi na umzali ojongene nemeko ebuhlungu kanje ebenokwenza ngokufanayo;” utshilo okaFanta.

“Kufuneka siqinisekise ukuba inkqubo yethu yezomthetho yenzelwe ukukhusela abantu abasesichengeni endaweni yokohlwaya abo bakhusela abantu babo ababathandayo’.

Ngo-2017, elinye inina laseMpuma Kapa lathiywa njengo “Lion Mama” emva kokubulala omnye kumadoda amathathu aadlwengula intombi yakhe, esonzakalisa ababini. I-NPA yaye yawarhoxisa amatyala okubulala nokuzama ukubulala awayejongene nawo.

Lo mama wathi ukuba wawatsalela umnxeba amapolisa kodwa umnxeba azange uhoywe. Emva koko wakhawuleza ukuya kunceda intombi yakhe apho wafumana amadoda amathathu emdlwengula.

“Sizirhoxisile izityholo ebebekwa zona. Abatshutshisi abakhulu abavumanga ukutshutshisa lo mama,” watsho uTyali ngela xesha

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks