Home Ezoshishino Livuselelwe ithemba kwikhaya lenkedama

    Livuselelwe ithemba kwikhaya lenkedama

    Ikhaya elihlala abantwana abangena bazali i(Door of hope) namhlanje lifumane undwendwelo oluvela kwi Lali Tokwe foundation kunye ne Mafa Bavuma foundation kwinzame zokuvuselela ithemba kwikhaya lenkedama.

    Phantsi kwesihloko esithi i”reviving hope drive” injongo yolundwendwelo ibikukuphosa nantoni Na ubani anayo ukuze elikhaya likwazi ukuba nemvudumalo kwaye liveluselele ithemba kwaba bantwana

    Olusuku lwanamhlanje belukhethekile ngendlela esisimanga ngoba ompondo zihlanjiwe bosomashishini kunye nabasasazi boMhlobo wenene kunye ne Tru FM bebekhona ukuzokuvuselela ithemba kwikhaya.

    Umququzeleli weliphulo u Yanga Mqoboli akawuvali umlomo luvuyo ngendlela ethe yafumana ngayo inkxaso lemini yanamhlanje

    U Mqoboli wandule wabulela wonke ubani othe wazibandakanya neliphulo ukusukela kwabanikele ngemali,impahla,ukutya nezinye izinto ezingundoqo

    Lo mnyango wekhaya leenkedama I Door of Hope wasekwa nguMama uGladys Panda ongasekhoyo ngo-1999. Ube ngumama kubantwana ababelangazelela ikhaya besebenzisa izixhobo zakhe.

    Ngo 2022, uMama uGladys wagula kwaye ngelishwa wasweleka kweyoMqungu ka-2023, eshiya abantwana abangamashumi amabini anesithathu, abantu abancinci abasixhenxe kunye nabancedisi ababini kukhathalelo lweentombi zakhe

    Imifanekiso:Yanga Mqoboli

     

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks