Liyaqhuba sithetha nje eNkundleni yamatyala yaseMonti ityala lomfundi weDyunivesithi yaseWSU ogama linguSibongile Mani, nojongene nezityolo zokuba imali(14 million) neyafakwa ngempazamo kwiAccount yakhe.
Izolo ibikwasiso kodwa inkundla yagqiba kwelokuba kugqityezelwe namhlanje, nanjengoko ke kulindelwe ukuba uMantyi ade akhuphe isigwebo sakhe.
Ibingumbo nomxesibe izolo ngethuba abafundi baleDyunivesithi bebengaphandle besitsho ingoma ngeliyokunikeza inkxaso kuSibongile Mani. Lomfundi ngoku ugqibezela izifundo zakhe kwisebe laseWSU elikuKomani.
Othethela iSRC yaleDyiniversity yakuKomani uZandisiwe Nyimbane nongunobhala uthi, inkundla mayingatshutshisi uSibongile kuphela koko mayitshutshise nabo bebefake imali kwingxowa yakhe. Oku kwenzekayo ayibobulungisa, okanye lonto yenziwa kuba engumtwana emnyama? Ukwathe neDyunivesithi ithule tuu ayiveli ukuphendula ukuba lempazamo yenzeke njani.
