Home Iindaba Lwandile uluhlu lweendwendwe ze-SOPA eMpuma Koloni

    Lwandile uluhlu lweendwendwe ze-SOPA eMpuma Koloni

    IBhisho ibekele bucala i-R1.5 yesigidi seerandi kwintetho yobume bePhondo yalo nyaka eyenziwa yiNkulumbuso uOscar Mabuyane, neyiyokugqibela kulawulo lwesithandathu.

    Ukuvulwa ngokusesikweni kweNdlu yoWiso-mthetho kuqhutywa ngoLwesine, kwaye inani leendwendwe likwande ukusuka ku-472 ukuya ku-1750 kulo nyaka.

    Uluhlu olubanzi lweendwendwe lubandakanya iiKumkani neeKumkanikazi, iiNkokheli zeMveli, izithethi, noosodolophu abaphuma koomasipala, kunye nabameli bamaqela ezopolitiko phakathi kwabanye abachaphazelekayo.

    I-Bhisho ithi iSOPA inika uMabuyane ithuba lokuba aphendule kubemi beli phondo ngento eyenziwe ngurhulumente wakhe ukuphucula ubomi babo kule minyaka mine idlulileyo.

    INkulumbuso ikwalindeleke ukuba ichaze izinto eziza kuqala kwiMpuma Koloni kulo nyaka uzayo.

    USomlomo kwiNdlu yoWiso-mthetho, uHelen Sauls-August ubalule ukubaluleka kwentetho yobume bePhondo yalo nyaka.

    Uthe iya kuba yi-SOPA yokugqibela kwithuba lesithandathu lolawulo, ngelixa ikwabhiyozela iminyaka engama-30 yenkululeko nolawulo lwentando yesininzi.

    “Ngoko kufanelekile ukuba abantu abaninzi babe yinxalenye yalo msitho ukuze baqonde ukubaluleka kwalo msitho, oya kuthi ufikelele kuvutho-ndaba ngokuthi kuthiwe thaca uHlahlo-lwabiwo-mali lwePhondo, iintetho zomgaqo-nkqubo, kunye nokuqwalaselwa kohlahlo lwabiwo-mali olulandelayo nokwamkelwa yiNdlu yoWiso-mthetho yePhondo,” utshilo.

    INtetho yobume bePhondo yowama-2024 iza kubanjwa ngoLwesine, umhla wama-22 kweyoMdumba kwiBandla lamaKrestu i-Abbotsford eMonti.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks