Home Iindaba Nqandani bethuba, nali ikamva loMzantsi Afrika lisonakala

    Nqandani bethuba, nali ikamva loMzantsi Afrika lisonakala

    NB: silumkise abantliziyo zibuthathaka ngemifanekiso

    Sifumene uboniso onganyamezelekiyo kumlandeli welikhasi, apho kubonakala amakhwenkwana amancinci etywatyushwa kanobomi enye inkwenkwana de bayinyanzelisa ukuba itye ubuthuvi bomtu kwilali yakuGura kuQumbu. Akubuhlungu ukuyibukela, lamatyendyana eyalela lo ubethwayo ukuba athule tuu, angatsho nesincinci isikhalo logama zibe intlungu zeswazi zizitsho kuye.

    Ngokwengxelo esiyifumeneyo ngethuba sisenza uphando lwethu kwisikolo apho umtwana afunda khona, kufumaniseke ukuba umtwana wonzakele kwaye unxunguphele emphefumlweni nanjengoko kunzima kwa ukuba aye esikolweni kuba esiyoka izigrogriso zabanye abamthembisa ngokumbulala xa oku kuthe kwavakala. Kodwa ngethamsanqa le(video) iye yafika kotitshala kwakunye mamagosa karhulumte nathembise ngokuyihoya lemeko. Siyayiqonda ukuba akukho namnye umzali othuma umtwana wakhe ukuba enze ekobu komye, yiyo lonto naba bonileyo sinethemba ukuba nabo bazakulifumana uncedo lokolulwa nabo ngokwengqondo ingakumbi nabo isengabantwana abancinci.

    Sikwafumanise ukuba lenkwenkwana ihlukumezekileyo iphakathi kweminyaka elithoba(9-10) ukuya kwishumi ubudala, kwaye uhlala noMakhulu wayo oqikelelwa kwiminyaka engamashumi asibhozo(80) ubudala ze abazali bakhe umtwana babeseGoli kwaye bayifumene lengxelo nanjengoko besenza inzame zokusabela kwaye bahoyane nomtwana kunye noMakhulu. Abazali babantwana abonileyo, bayile kwikhaya lexhoba beyokuxolisa kuMakhulu womtwana noye walamkela uxolo, kodwa nangona kunjalo umtwana uhlukumezekile kakhulu kwaye kunzima nokuba ajongane nabantu. Ukuba oku bekuqalelephi asikwazi kodwa siyakhuza. Abazali kunye nootata babantwana ingakumbi amakhwenkwe bayacelwa ukuba bagade abantwana kwaye bazame kangangoko ukuqeqesha umtwana ukuze abengumtu ongcono ngomso.

    Ukuhlukumezeka komtwana, ze kumoshe ikamva lakhe kuqala ngoku emncinci koko kumlandele sele emdala. Lonto yenze uluntu lumangale yimikhuba umtu omdala ayenzayo kanti oku kwaqala eselula.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks