By Lilitha Phenduka.
Isithethi sokhetshe (Hawks) uNdiphiwe Mhlakuvana ukholelwa ukuba banetyala elomeleleyo ngakuba tyholwa abathathu.
Abatyholwa abathathu abangabemi basePakistan, Mozambique kunye nase-Zimbabwe, abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini (20) namashumi amathandathu anesixhenxe (67) ubudala, bavele ngokufutshane kwinkundla kamantyi yaseMonti bejongene namatyala aquka ukurhweba, ukuxhwila, kunye nokwaphula umthetho wokufudukela kwelinye ilizwe.
Le ntwazana yehliswa ngakwisikhululo samapolisa eMdantsane ngentsimbi yesithathu ekuseni ngomhla weshumi elinesibini (12) kweyoMdumba emva kokuxhwilwa ngomhla wesine (4) kweyoMdumba ngakwi-Buffalo Flats ngethuba iphuma esikolweni.
Isicelo sebheyile besimiselwe uLwesibini kodwa elinye lamagqwetha uMzekelo Mhlauli uthe ufuna ixesha lokuthethana nomxhasi wakhe, umxhasi wakhe, ummi wasePakistani kunye nomncinci phakathi kwabatyholwa, ngaphambili wayemelwe nguShannon Naidoo, waseBate Chubb kunye noDickson Attorneys, owathi, ngenyanga yoMdumba wacela ixesha lokubonisana nomtyholwa.
Urhulumente uyakuchasa ukukhululwa kwabo ngebheyile kwaye isityholo sokuba bakwelilizwe ngokungekho mthethweni zezinye zezizathu zokuchaswa kwebheyile kwaye kutyholwa ngelithi esisithathu safuna intlawulo yezigidi ezihlanu (R5m) kuTata wale ntwazana ukuze ibuye ikhuselekile.
ISithethi sooKhetshe ephondweni uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana uthe babaseluvalelweni ukusukela ngomhla wesihlanu (15) kweyoMdumba emva kokuba iqela lonyanzeliso lomthetho leenkqubo ezininzi libavalele.
Umyalelo wenziwe enkundleni kule nyanga yoKwindla wokuba angadizwa amagama wabarhanelwa, kukholelwa ukuba kukho abarhanelwa abaninzi ngokubanzi kwaye ukuxela ukuba bangoobani kuya kwenza ukuba abanye batsibe ilizwe okanye baphephe ukubanjwa.
La madoda azakubuyela edokisini ngomhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kunye namashumi amabini anesithandathu (26) kweyokwindla.
