Owasetyhini oneminyaka eyi-41 ubudala waseMpuma Koloni ofunyenwe enetyala lobuqhophololo ngaku-Old Mutual uyalelwe ukuba ahlawule iR200,000 okanye achithe ixesha elingaphezu konyaka entolongweni.
ULindeka Patricia Ntlokwinendaba ugwetywe kwinkundla yamatyala oRhwebo eMthatha emva kokufunyanwa enetyala lobuqhophololo ngoMeyi walo nyaka.
UNtlokwinendaba wabanjwa ngenyanga yeKhala ngo-2021 ngokunika uMfunxuse Golden Mvinqi i-inshurensi kwa-Old Mutual exoka ngelithi ngutata wakhe wesibini.
Ngokwengxelo yeCandelo loPhando lwaMatyala aPhakamileyo (elaziwa njengeeHawks) uNtlokwinendaba wafaka i-inshorensi yomfi kwa-Old Mutual ze wathi akubhubha ngomhla wamashumi amabini nanye kweyeSilimela ngo-2018, wafaka amabango ezibonelelo zokubhubha ngelithi wayeyintombi womfi.
“Imali efikelela kumashumi amabini amawaka eerandi ihlawulwe ngempumelelo ngu-Old Mutual kummangali,” sitshilo isithethi sooKhetshe uYolisa Mgolodela.
