Owayesakuba yinkosikazi kagqirha eGqeberha ekutyholwa ukuba uqulunqe icebo elibanzi lokubulala owayesakuba ngumyeni wayo, ifake isibheno ngokuchasene nokwala kukaMantyi ukumnika ibheyile.
U-Ethel Noqekwa, 46, obekwe ityala lokubulala ugqirha ongasekhoyo uBantu Noqekwa, 56, walelwe ibheyile kwinkundla kamantyi eNew Brighton ngenyanga yeKhala.
UGqr Bantu Noqekwa wadutyulwa wabulawa kwindawo awayexelengela kuyo eZwide, ngoMeyi.
Kwisigwebo sakhe ngethuba efaka isicelo sebheyile u-Ethel, uMantyi uMphuthumi Mpofu uthe uthathwa njengengozi yokubaleka.
Ukwafumanise ukuba kukho ithuba lokuba angaphembelela amangqina karhulumente, wongeza ngelithi akukho meko ikhethekileyo emvumelayo ukuba akhululwe ngebheyile.
Abo batyholwa kunye noEthel, uSiyabulela Gcayiya, u-Andile Jongi, no-Athule Mtyobile bazityeshela izicelo zabo zebheyile.
USejini Sibulelo Yali ungqinile ukuba uEthel uthembise abahlaseli ukuba baza kuhlawulwa ngesiqingatha sesigidi seerandi wakuba ugqityiwe umsebenzi.
Kuthiwa walungiselela ukubulala ukusukela ngo-2021 esebenzisa umntu ophakathi, othe wajika waba lingqina likarhulumente.
Inkundla ive ukuba unyana wakhe wavunyelwa ukuba angene kwityala lokubulala nanjengoko engumabi welifa likamfi, nto leyo ethetha ukuba kuza kufuneka akhulule imbuyekezo yababulali.
Izibulo lesi sibini kutyholwa ukuba lalivumelana nomama walo.
Ukumanyelwa kwesibheno kuye kwamiswa kumagumbi eJaji kwiNkundla ePhakamileyo yesi sixeko ngentsasa yangoLwesine.
Kuyaqondwa ukuba urhulumente kunye nokhuselo bebefuna ukuqinisekisa ulwazi oluthile ngaphambi kokuba baqhubeke.
U-Ethel uza kuba nosuku lwakhe enkundleni, ngoMvulo
