Owayesakuba ngunogada kaMalema umangalela urhulumente efuna i-R20m ngokumangalelwa ngokungafanelekanga

Owayesakuba ngunogada wenkokeli ye-Economic Freedom Freedom (EFF) uJulius Malema, u-Adriaan Snyman ngoku umangalela urhulumente efuna imali engange-R20 yezigidi zeerandi ngomonakalo onxulumene namatyala abekwe wona ngaphambili.

USnyman wayengomnye wabamangalelwa kunye noMalema ngo-2018 kwityala elinxulumene nokudutyulwa kwesibhamu emoyeni.

Ubejongene namatyala amabini, ukusilela ukuthatha amanyathelo afanelekileyo okuthintela ingozi ebantwini okanye kwimpahla kunye nokubonelela ngesibhamu kumntu ongavumelekanga ukuba naso.

Isithethi sikaSnyman uKirsten McLeod uthe basalinde ukuba iGunya bantu lezoTshutshiso leSizwe (i-NPA) kunye neNkonzo yamaPolisa aseMzantsi Afrika (i-SAPS) baphendule kwisicelo esibhaliweyo sentlawulo engaphezulu kwe-R20 yezigidi. Esithi oku kungenxa yesimangalo sotshutshiso olubi. Ukwathe banikeza ixesha leentsuku ezingamashumi amathathu (30) kwi-NPA kunye nenkonzo yesipolisa oMzantsi Africa ukuba ziphendule. Uyivale ngelithi baza kuthatha amanyathelo omthetho kungekudala, kwaye ukuba bayasilela ukuphendula abo bafanele ukwenza oko, baza kufaka isicelo sesigwebo sokungaphumeleli.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
24.1 ° C
24.1 °
24.1 °
55 %
4.3kmh
26 %
Thu
28 °
Fri
33 °
Sat
23 °
Sun
30 °
Mon
22 °

EZITHANDWAYO INDABA