Home Iindaba Qaphela ungabhubheli koo”Jikeleza” baseGqeberha kubi!

    Qaphela ungabhubheli koo”Jikeleza” baseGqeberha kubi!

    Amapolisa aseGqeberha aphume iphulo lokukhangela abarhanelwa ababini(2) nababandakanyeka kwisiganeko sokubulawa kwabantu ababini kunye nokwenzakala kwabanye abathathu(3) kwisitalato uMqhaba kwilokishi yaKwanobuhle ngenjikalanga yayizolo, umhla we(1 Nov 2022)
    Kutyholwa ukuba ngezithuba zentsimbi yeshumi elinesihlanu (15:15) umqhubi ka‘jikeleza’  wohlobo lweMazda 323 ebesothula abakhweli kwisitalato uMqhaba ngethuba kumbhonzeleka amadoda amabini ezigqume ubuso esondela kwesi sithuthi ze adubula. Umqhubi(24) kunye nabakhweli ababini, abangabasetyhini bakwazile ukuphuma babaleka nangona kunjalo baye bafumana amanxeba okudutyulwa.
    Amadoda amabini, naneminyaka engamashumi amabini anesine(24) ubudala abesesemotweni enzakele ngokumasikizi. Bafumene amanxeba amaninzi okudutyulwa.
    Umqhubi ufumene inxeba lokudutyulwa enzwaneni ngelixa intombazana eneminyaka elishumi elinesine(14) ubudala ifumene inxeba lokudutyulwa emqolo ze enye intombazana eneminyaka engama(31) ubudala yafumana inxeba lokudutyulwa ezimpundu.
    Bonke abonzakeleyo basiwe esibhedlele ukuze bafumane unyango. Omnye kwaba babini babhubhileyo uchongwe njengoNkosiyabo Nqakula waKwanobuhle. Esinye isazisi somntu oswelekileyo siseza kuchazwa. Isizathu sesi siganeko siyaphandwa kwaye uphando olujongene nolwaphulo-mthetho kwiphondo (POCI) eGqeberha luphanda amatyala okubulala nokuzama ukubulala.
    Kucelwa nabani na onokuthi ancedise kuphando atsalele umnxeba uD/Lt Col Willie Mayi ku-082 697 5914 okanye iCrime Stop ku-08600 10111 okanye atsalele isikhululo samapolisa esikufutshane naye. Lonke ulwazi luyimfihlo kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.

    Umfanekiso: ayinguwo owenqaku lengozi koko umzekeliso

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks