Home Iindaba Sanukuthetha izinto eningazaziyo ngentlekele yaseSenary Park

    Sanukuthetha izinto eningazaziyo ngentlekele yaseSenary Park

    EMONTI: Abaphathi benkonzo yesipolisa  eMpuma Koloni bavakalise inkxalabo malunga namarhe kunye neengxelo zosasazo eziqikelela unobangela wokubhubha kwabantu kwiNtlekele eyenzeke kwindawo yentselo eyenzeka ngentseni yangeCawe umhla we-26 kweyeSilimela 2022 eScenery Park, eMonti.

    Njengoko kucacisiwe kwingxelo ekhutshwe yiSAPS ngoMvulo malunga nophando oluqhubekayo, abaphandi beSAPS basaqhubeka nophando malunga nokubhubha kwabantwana abangamashumi amabini ananye e-Enyobeni Tavern eScenery Park. Emva kokwenza uphando kwisakhiwo eso kutyholwa ukuba senzeke kuso, nakwizidumbu apho uxilongo lwezidumbu zenziwa khona, wonke umboniso okhutshiweyo wathathwa wasiwa kwilebhu yophando-nzulu ukuze kuhlolwe ubutyhefu.

    De kube lelo xesha lokuba umsebenzi welebhu yophando ugqitywe, naluphi na ulwazi olungekho sesikweni nolunga khutshwanga yiNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika, kufuneka luthathwe njengobubuxoki kwaye lulahlekisa uluntu kunye neentsapho ezibhubhileyo ezichaphazelekayo.

    Ngokubhekiselele koku, uMkomishinala wePhondo, uLieutenant General Nomthetheleli Mene, ulumkise ngokusasazwa kwamabali angeyonyani anokuhlwayela isiphithiphithi namathandabuzo kuphando lwamapolisa. “Njengoko bekutshiwo ngaphambili, ngexesha elifanelekileyo naxa ingxelo esemthethweni yenziwe yafumaneka ziingcali, usapho noluntu luya kwaziswa ngabasemagunyeni abafanelekileyo. Sibongoza abantu ukuba bayeke ukwenza izinto ezicingelwayo ezinobungozi ezingancediyo kuphando lwethu” uvale ngelo xesha uLt Gen Mene.

    I-SAPS ibongoza nabani na onokwabelana ngolwazi olunokunceda kuphando oluqhubayo, ukuba aqhagamshelane noBrigadier Mxolisi Mqotyana ku-082 5292 465 okanye atsalele umnxeba kule nombolo i-Crime Stop 086 00 10 111.

    Ingxelo: Anitha Qubula

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks