Home Iindaba Sifunyenwe ngakwidami laseGcinisa isibini ebesikhangelwa sele betshe bangqungqa

    Sifunyenwe ngakwidami laseGcinisa isibini ebesikhangelwa sele betshe bangqungqa

    Sifunyenwe isibini ebesikhangelwa.

    Bebekhangelwa ngethemba lokubafumana besaphila kodwa ngelishwa akwabinjalo. Uluntu lwePhondo leMpuma Koloni lusothukile, kukufunyanwa kwemizimba eminini yabasetyhini itshe yangqungqa.

    UZoleka Gantana(57) ekunye nentombi yakhe uKholoza Mpunga, baduke kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo kwindawo yaseKidds Beach cebukuhle eMonti. Esisibini sifunyenwe sibhubhile kwaye bengenako ukufaniswa.

    Oku kusemva kokuba imizimba yabo ifunyenwe kude kufuphi nedami elikwilali yaseGcinisa eNgqushwa, kwaye kubonakala ukuba imizimba yabo iye yaxhaxhwa emva kokuba kuqwalaselwe ukuba badutyulwephambi kokuba batshiswe. Ukanti nesithuthi sikaZoleka ebesilahlekile siye safumaneka.

    Kwesisiganeko kubanjwe amadoda amabini(2) nalindele ukuvela kwinkundla kamantyi yaseMonti ngoMvulo.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks