Isithathu esidweliswe kuluhlu labaphuli-mthetho ngokwesondo sisafundisa.
Isebe lezemfundo eMpuma Koloni liyangqina ukuba ootitshala abaphuma kwisithili saseJoe Gqabi naseAmathole East basahleli emisebenzini yabo.
Ootitshala abathathu baseMpuma Koloni basafundisa ezikolweni nangona amagama abo ebhalwe kuluhlu lwe sizwe lwabaphuli-mthetho ngokwe sondo. Aba tishala bajongene nezityholo zokudlwengula nokubetha. Isebe lezemfundo liqinisekise ukuba aba titshala bathathu baseJoe Gqabi naseAmathole East abakanqunyanyiswa okanye basuswe emsebenzini. UMphathiswa wezemfundo wase Mpuma koloni uFundile Gade uthe isebe lisebenzisana nebhunga lootitshala laseMzantsi Afrika ukujonga ukuba ingaba ootitshala bakuluhlu lokwaphula-mthetho ngokwesondo phambi kokuba baqeshwe.
U-Luke Lamprecht ophuma kwi-Women and Men Against Child Abuse uthe “iyothusa into yokuba aba titshala basasebenza”. Uthe oluluhlu lwenzelwe ukugcina abantu abangakhuselekanga ukusebenza nabantwana kude nezikolo, kodwa ngoku inkqubo yabasebenzi ibonakala ibaluleke ngaphezu kokukhusela abantwana.
UGqr Lesley Ann Foster osuka eMasimanyane Women’s Rights International ukubize oku njenge “lityala eliphandle mabohlwaywe ” kwaye uthe uluhlu malukhangelewe ngokufanelekileyo. Ukholelwa ukuba oluluhlu alunamsebenzi ngaphandle kokuba abantu bayazi indlela yokuyisebenzisana kwaye kufuneka kubekho indlela ekhawulezayo yokujonga iirekhodi zootitshala.
Itshantliziyo lamalungelo abantwana uPetros Majola uthe, “aba bantu mabagwetywe, sicela isebe lezemfundo ukuba libasuse ngokukhawuleza,” kuba ebajonga “njengomngcipheko omkhulu eluntwini.” UDaniel Peter Al-Naddaf weZiko loMthetho le-Equal Education uqaqambise into yokuba “makuxhaphake indlela yokukhuswla abantwana kubaphuli-mthetho ngokwesondo kwizikolo zaseMzantsi Afrika,” ephawula ukuba “Ukusilela ekuthotyelweni, njengokungaphumeleli ukuhlola ootitshala ngokuchasene noluhlu lwesizwe labaphuli-mthetho ngokwe sondo…kuxhaphakile kwaye akwamkelekanga.” Ucele inkqubo yezikolo zonke ukuba zijongane neengxaki ezinzulu ezifana nentlupheko yabantwana kunye nokubekwa ibala.
UHoratio Hendricks weDA uligxeke kabukhali eli sebe esithi: “Akukho ngqiqweni into yokuba aba titshala bathathu banengxelo zolwaphulo-mthetho bahlale beqeshwe kwaye bangaphantsi kwe-10% yabasebenzi abasebenzayo ngoku abaye bafaka izicelo zabo zezatifiketi zokukhutshwa kweRegistry yeSexual Offences clearance.”
Ingqonyela yeNaptosa, uLoyiso Mbinda, uvakalise inkxalabo enkulu ngokhuseleko lwabafundi waza wabongoza isebe ukuba “liqukumbele ngokukhawuleza iinkqubo zobudlelwane emsebenzini ukuqinisekisa ukuba abafundi bayakhuselwa kwingozi enokwenzeka.