Home Iindaba Sithe tshe kancinci kwinkundla kamantyi eMthatha isibini esityholwa ngokuphembelela udushe laseMthatha

Sithe tshe kancinci kwinkundla kamantyi eMthatha isibini esityholwa ngokuphembelela udushe laseMthatha

I-NATJOINTS iyakwamkela ukubanjwa kwabatyholwa ababini abatyholwa ngokuba ngabaphembeleli ekukholelwa ukuba bangabaxhasi boqhankqalazo olunxulumene noonoteksi olukhokelele ekubeni zonke iindlela ezinkulu eziya eMthatha zivaliwe ngoMvulo, umhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kuCanzibe.

Ngelixa amapolisa engenelele ngokukhawuleza ukubuyisela umthetho nocwangco, ebesebenza ubusuku nemini ekukhangeleni abo baphembelela lo mkhuba wodushe. NgoLwesine, umhla wamashumi amathathu (30) kuCanzibe, aba babini baye bafunyanwa eMthatha.

UMthuthuzeli Sogoni oneminyaka engamashumi amahlanu anesibini (52) olilungu lombutho woonoteksi kwisithili saseOR Tambo kwaye ebefunwa malunga nelizwi ekutyholwa ukuba walisasaza ephembelela udushe egaya abantu ukuba bangavoti.

Umtyholwa wesibini nguNcebo Nkosi oneminyaka engamashumi amane anesixhenxe (47) owabanjwa emva kokuba eshicilele ividiyo yakhe apho kutyholwa ukuba umemelela oonoteksi nabanini ukuba baphazamise unyulo kwaye baqalise uqhankqalazo olunobundlobongela.

La madoda mabini sele evele phambi kweNkundla kaMantyi eMthatha ngale ntsasa ngezityholo zokuphembelela udushe eluntwini, ukophula umthetho we-cyber nokwaphula umthetho wolonyulo. Bobabini bangaphandle ngebheyile yeR3000-00 umntu emnye. Ityala labo lihlehliselwe umhla wamashumi amabini anesibini (22) kweyeKhala.

Iingxelo zidiza ukuba imiyalezo evuthayo ekwabelwana ngayo sesi sibini iye yasasazwa ngokubanzi kumaqonga eendaba ezentlalo ahlukeneyo.

I-NATJOINTS iye yalumkisa ngokuphindaphindiweyo abasebenzisi beendaba zoluntu ukuba bayeke ukuthumela kunye nokwabelana ngemiyalezo evuthayo enokubangela ingozi, ukudibanisa uluntu ukuba lukhuthaze ubundlobongela kunye nokuzibandakanya kwizenzo zobugebengu.

I-NATJOINTS iye yahlala ingaguquguquki ekuqinisekiseni uluntu ukuba ii-arhente zogcino-mthetho ziya kuthatha amanyathelo angqongqo ngokuchasene nabo bafunyenwe bekwicala elingalunganga lomthetho.

Kungenxa yale mvelaphi apho i-NATJOINTS yamkele inyathelo eliqinisekileyo elithatyathwe kwabo bachasene nomthetho.

Amalungu oluntu kwakhona adimazekile ekwabelaneni ngemiyalezo exhokonxayo ehlala iqondisa ngokutsha kwaye iphambukise oovimba abazizibonelelo zamapolisa nabasebenzi ekubeni bahoye ulwaphulo-mthetho olunobuzaza nolunobundlobongela.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks