12.5 C
King William's Town
Monday, October 6, 2025

Sivele eNkundleli isibini esifunyenwe nompu kunye neembumbulu ezingenampepha-mvume.

Abemi ababini bamazwe angaphandle uDaniel Thegabu Weldekidan (42) kunye nenkosikazi yakhe uYirgalem Gebremichael Melese (42) bavele phambi kwenkundla kaMantyi yase-Aliwal North ngomhla wesibhozo (08) kweyoMqungu 2025.

Esi sibini sabanjwe licandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluNgqongileyo kwiinzame ezihlangeneyo neKhowa K9 kunye namaGosa oGcino-Cwangco loLuntu aseAliwal North ngokuba neziyobisi, imipu engenaphepha-mvume kunye neembumbulu ngomhla wesixhenxe (07) kweyoMqungu ka-2025.

Iqela lamacandelo ngamacandelo lifumene ulwazi ngomhla wesixhenxe (07) kweyoMqungu 2025 malunga nemizuzu engamashmi amathathu emveni kwentsimbi yethoba (21:30), malunga nendawo yokuhlala ethile eZwelitsha e-Aliwal North ekurhaneleka ukuba inemipu nembumbulu ngaphandle kwelayisenisi.

Iqela elidibeneyo lilandele ulwazi olukhokelele kwindawo yokuhlala ekhankanywe ngasentla.

Ekufikeni kwabo, amapolisa afumana abarhanelwa ngaphakathi endlini, kwaye acela ukuba agqogqe kwindawo leyo. Ekukhangeleni, iqela lafumana umpu we-9mm onembumbulu ngaphakathi kwigumbi labo lokulala baze babanjwa. Ukukhangela kwaqhubeka apho amapolisa aphinda afumana inqwaba yeziyobisi ze-KHAT kwigumbi lokutyela kwaye nazo zathathwa.

Esi sibini savela phambi kukaMantyi wase-Aliwal North ngomhla wesibhozo (08) kweyoMqungu 2025 kwaye eli tyala lahlehliselwa umhla wamashumi amabini anesine (24) kweyoMqungu 2025 ukuze kufunyanwe itoliki. Bobabini abarhanelwa bagcinwe eluvalelweni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
89 %
1.1kmh
100 %
Mon
25 °
Tue
25 °
Wed
26 °
Thu
24 °
Fri
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks