32.1 C
King William's Town
Friday, March 13, 2026

Sivulwe ngokusesikweni isikolo samabanga aphakamileyo iTongani kumasipala waseMbashe

UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade, unikezele ngokusesikweni iSikolo samaBanga aPhakamileyo saseTongani esisandula ukugqitywa eNkanya (iSithili seMfundo saseMpuma ye-Amathole ) phantsi koMasipala waseMbhashe. Oku ukwenza Kwinyathelo elibalulekileyo ekuphuculeni iziseko zemfundo.

Ukunikezelwa kwezibonelelo bekuzinyaswe siSithethi seBhunga loMasipala waseMbhashe, uKhansela Babalwa Majavu, uSodolophu oPhetheyo woMasipala wase-Amathole, uKhansela Bukiwe Madikane, iinkokheli zemveli kunye nabanye abachaphazelekayo kurhulumente.

Le projekthi ibandakanya ukuhlaziywa, ukulungiswa kunye neziseko zemfundo ezintsha zokutshintsha izakhiwo ezingakhuselekanga kunye nokuphucula imeko-bume yesikolo ngokubonelela ngesakhiwo esikhuselekileyo, esifikelelekayo nesinamhlanje esihambelana nemigangatho yeziseko zemfundo zesizwe.

Esenza intetho yakhe ephambili, uMhlonishwa uGade uthe, “Ukuze sibe nemfundo elungileyo, kufuneka sibe nesiseko esiqinileyo. Yiyo loo nto sizimisele ukwakha izikolo ezisemgangathweni kwiindawo zasemaphandleni ukuze abantwana bafumane imfundo esemgangathweni.

Ndiyanikhuthaza ukuba niphathe isikolo kakuhle. Masilakhe eli phondo, sixhasane kwaye senze uthungelwano olunceda ekukhuseleni olu tyalo-mali olwenziwe kweli phondo. Kufuneka sithathe inxaxheba kuphuhliso lwethu.”

Iingongoma eziphambili zenkqubo ziquka ukutyhilwa kwebhodi kunye nomsitho wokunqunyulwa kweribhoni, ukuphakanyiswa kweflegi yaseMzantsi Afrika kulandele utyelelo lwezibonelelo ezintsha. Ukongeza, njengenxalenye yemizamo yokuxhasa abafundi abasengozini, izihlangu zesikolo zinikezelwe kwabo basweleyo, ukuqinisekisa ukuba bayakwazi ukuya esikolweni ngesidima.

Ngokugqitywa kwezibonelelo zesikolo ezitsha, abafundi baya kufumana indawo ekhuselekileyo nenenkxaso ngakumbi, bephucula amathuba abo okufunda, ukukhula nokuchuma.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
32.1 ° C
32.1 °
32.1 °
20 %
2.4kmh
76 %
Fri
35 °
Sat
31 °
Sun
33 °
Mon
33 °
Tue
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks