31.9 C
King William's Town
Wednesday, October 1, 2025

U e.tv ubhengeze ukuphela kwenkqubo kamabonakude yemihla ngemihla, uScandal.

By Sophumelela Singqota

U e.tv ubhengeze ukuba inkqubo kamabonwakude edumileyo iScandal, ifikelele kwixesha lokuba bazibeke phantsi iintambo, ngenyanga yeSilimela 2026.

IScandal, ibiyinxalenye enkulu kamabonwakude woMzantsi Afrika iminyaka engamashumi amabini. Ibalisa amabali amaninzi ayinyaniso kubantu abaninzi abawanambithayo. Lo mboniso wanceda ababukeli bacinge ngobomi bemihla ngemihla kwaye ubagcine bonwabile.

U e.tv uthe ilizwe likamabonakude lihlala litshintsha. Kufuneka bajonge yonke imiboniso kunye nezicwangciso zabo.

Bakholelwa ukuba uScandal ubugqibile ubomi bakhe kumabonakude. Eli jelo libulele iOchre Moving Pictures, inkampani eyenza lo mboniso. Bakwabulele abadlali, ababhali, nabo bonke abantu abasebenze nzima emva kweqonga.

“Ukuvelisa iScandal ibe luhambo olumangalisayo kunye nomsebenzi wokwenene wothando,” utshilo uStan Joseph, uMvelisi oLawulayo kwi Ochre Moving Pictures.

Uthe eli qela lisebenze ngothando libalisa amabali oMzantsi Afrika. Ubulele inkxaso ka e.tv nakubalandeli. Nangona kubuhlungu ukuphela kwale nkqubo, bayazingca ngento uScandal ayenzileyo.

Lo mboniso uza kuhlala kumabonakude kude kube sekupheleni kwenyanga yeSilimela 2026. Oku kunika abalandeli ixesha lokubukela iziqendu zokugqibela. U e.tv ubulela bonke ababukeli abebebukele kwaye beyithanda le nkqubo iminyaka emininzi. UScandal lelinye lawona mawonga ayimpumelelo apha eMzantsi Afrika.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
31.9 ° C
31.9 °
31.9 °
21 %
5.7kmh
99 %
Wed
35 °
Thu
14 °
Fri
17 °
Sat
34 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks