22.8 C
King William's Town
Monday, October 27, 2025

Ubanjelwe ukubulala umfundi eGqeberha 

Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu(26) ubudala ubanjwe ngamapolisa aseHumewood ngetyala lokubulala emva kokubhubha komfundi onamashumi amabini anesine(24) ubudala eCentral, eGqeberha, ngeCawa umhla wamashumi amabini anesithandathu(26) kweyeDwarha ngo-2025, malunga nentsimbi yesine kusasa(04:00). Esi sehlo senzeke kwindawo ehlala abafundi kwisitalato saseStrand emva komlo phakathi kwesisibini.

Bawuchithile umlo abanye abafundi ze umfundi owenzakeleyo wasiwa kwigumbi lakhe nalapho afunyenwe khona engaphefumli kwaze kwabizwa inkonzo ezingxamisekileyo zonyango kodwa wabhengezwa njengo swelekele kwindawo yexhwayelo.

Ubanjwe wavalelwa umrhanelwa ngetyala lokubulala.Uphando lusaqhubeka, kwaye amapolisa aza kukhupha igama lexhoba xa isazisi esisemthethweni sigqityiwe.

UCaptain Sandra Janse Van Rensburg uqinisekise ukuba umfi nomrhanelwa ngamadoda.

Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi yaseGqeberha ngoLwesibini umhla wamashumi amabini anesibhozo(28) kweyeDwarha 2025.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
22.8 ° C
22.8 °
22.8 °
33 %
5kmh
37 %
Mon
21 °
Tue
24 °
Wed
23 °
Thu
24 °
Fri
39 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks