Owasetyhini kunye nekrexe lakhe eMpuma Kapa babanjwe ngamapolisa emva kokuba beceba ukubanga ukuxhwila okungekhoyo isithandwa sakhe ukuze bafumane imali. Ikrexe eli lathumela imifanekiso yalo mfazi ebotshelelwe esitulweni nasemlonyeni etywinwe ngeteyiphu kwaye wafuna imali kwangoko.
Iqela leeHawks elizinze eMonti liphinde labonakalisa isakhono salo ngokuthi libambe umrhanelwa wasetyhini ngomhla wamashumi amabini anesibhozo 928) kweyoMqungu 2025 ngokuqweqwedisa ukuxhwila kwakhe ekunye nekrexe lakhe. Iinjongo zabo zangabom kutyholwa ukuba yayikukurhwaphiliza imali kusapho lwakhe nakwisoka lakhe.
Ityala laqala ngomhla weshumi alinesithathu (13) ku-Okthobha ka-2024, xa ummangali owayenxunguphele wachaza ukuba intombi yakhe yaxhwilwa. Kutyholwa ukuba wafumana imifanekiso eyoyikisayo equka iikliphu zevidiyo zakhe ebotshelelwe, umlomo wakhe uvalwe ngeteyiphu. Kungekudala emva koko, kwalandela imfuneko yentlawulelo.
Iingxelo zibonakalisa ukuba ummangali uye wafikelela kudade wexhoba, waqinisekisa ukuba ufumene umyalezo ophazamisayo ofanayo kwakwinombolo enye.
Lo mba uye wangeniswa kwiHawks ukuze kuphandwe ngokucokisekileyo. IQela eliSebenza ngokuXhwilwa ngokukhawuleza laqalisa umsebenzi walo, baveza ukuba lowo kuthiwa lixhoba kutyholwa ukuba uphakathi kweli qhinga.
Uphando olongezelelekileyo lwaveza ukuba ixhoba latyholwa ngokuxhwilwa kwaye kubonakala ukuba lenze iyelenqe kunye nalowo wayehamba naye lokufumana imali yentlawulelo kwabo babathandayo, ngezicwangciso zokwahlula imali.
Ukubanjwa kwakhe ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyoMqungu ngo-2025, kuphawula impumelelo kweli tyala kwaye bekulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla kamantyi yaseMonti ngomhla wamashumi amabini anethoba (29) kweyoMqungu ka-2025.
Kuseza kubanjwa abanye abantu kwaye ooKhetshe babongoza nabani na onolwazi ngeziganeko ezinje ukuba eze ngaphambili. Izazisi zabanolwazi ziya kugcinwa ziyimfihlo engqongqo.
INtloko yeeHawks ephondweni uMajor General Mboiki Obed Ngwenya, ukhuphe isilumkiso esithi “Ukumosha izixhobo zombuso kulwaphulo-mthetho olucetywayo akusayi kunyanyezelwa.

