20.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

Ubanjiwe umrhanelwa obeqweqwedisa imoto ebiweyo kwilokishi yaseNew Brighton eGqeberha izolo.

6 July 2022

Impendulo eKhawulezayo evela kwiDistrict Crime Combating Unit (CCU) ikhokelele ekubanjweni komrhanelwa otyholwa ngokuphanga ishishini kunye nokuthinjwa kwemoto ebibaleka ngenjikalanga yayizolo, 5/07 eNew Brighton

Kutyholwa ukuba ngentsimbi yeshumi elinesithandathu (16:30) ngalo mhla ukhankanyiweyo, la malungu ebejonge isithuthi sohlobo lweSuzuki esisiliva (inombolo yobhaliso enikezelweyo) ebibandakanyeka kuphango loshishino eKabega Park. Kungekudala emva koko, imoto efanayo yahanjiswa njenge yaba bandakanyeka kwelinye ukuphanga ishishini eWalmer.

La malungu aqhubele phambili ukuya eNew Brighton ekhangela isithuthi. Badlula kwimoto erhanelwayo eFerguson Road, bajika bayisukela. Abarhanelwa baye babaleka ngesantya esiphezulu xa omnye wabo uthe watsiba ephuma kwimoto ehamba nepolisa elishushu ezithendeni. Uleqwe wafunyanwa eneeselula ezimbini.

Ngexesha lokusukela, abarhanelwa abaseleyo nabo baye bakhupha isithuthi esihambayo kwisitalato iFunde banyamalala. Imoto yangqubana kwenye isithuthi ebesimile.

Amapolisa afumene icuba, iboom box kunye ne-9mm pistol kunye nemagazini.

Umrhanelwa, oneminyaka engamashumi amabini anesine ubudala, uvalelwe ngetyala lokuba nezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe. Izityholo ezongezelelweyo zokuphanga ishishini zinokongezwa nje ukuba abe-SAPS Walmer kunye nabacuphi baseKabega bamnxibelelanise kakuhle namatyala abo. Kwavulwe idokethi lophando malunga nompu. Umpu uya kuthunyelwa kwi-ballistics ukuba ivavanywe.

Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi yaseGqeberha phakathi evekini.

Ingxelo: Anita Qubula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
20.2 ° C
20.2 °
20.2 °
48 %
3.4kmh
0 %
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
25 °
Sat
29 °
Sun
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks