Lusabambe ongezantsi lothukile uluntu lwelokishi yaKwanobuhle eGqeberha, emva kokudutyulwa kubulawe abantu abathandathu(6) ze kwangxwelerheka wamnye(1) kwisithwakumbe esenzeke izolo.
Ngokwengxelo evela kwinkonzo yesiPolisa eMpuma Koloni, ichaza ukuba kunmbonzeleke amadoda amathathu(3) angaziwayo sele ethulula imbumbulu emtwini. Kukwavakala ukuba lomzi kwenzeke esisehlo waziwa ngokuthengisa iziyobisi kulengingqi.
Okulilishwa kukudutyulwa kubulawe intwazana nebisaze ngobuso elizweni egama linguZibenathi Mdledle. Lentwazana ineminyaka elishumi elinesixhenxe(17)ubudala. USivenathi, ufunyenwe umzimba wakhe udundulize phambi kwesango lalomzi emva kokuba ebezama ukungena ehamba nomhlobo wakhe.
Amapolisa aseGqeberha wona athi lamadoda ambonzeleke ngezithuba zentsimbi yeshumi elinesithoba (19:40) ebusuku sele edubula.Kwabadutyuliweyo kuquka abasetyhini ababini ze kwabhubha omye. Bephelele abadutyuliweyo basibhozo, ze kwabhubha anathandathu, abasindileyo babalekiselwa esibhedlele ukuze bafumane unyango.
Ityala lokubulala livuliwe ngamapolisa logama kusenziwa uphando ngesisithwakumbe.
