Home Iindaba UBomi boluntu abukhathalelwanga ngabaqhubi beeteksi eziphelelwe lixesha.

    UBomi boluntu abukhathalelwanga ngabaqhubi beeteksi eziphelelwe lixesha.

    ISebe lezoThutho ligxeke inani elothusayo leeteksi ezingekho semgangathweni wokuba zisebenze kwiindlela zoMzantsi Afrika.

    By Lilitha Phenduka.

    Oku kuza emva kosasazo kwimidiya, apho abakhweli babesabelana ngeevidiyo ezothusayo zamava abo kwiiteksi ezingekho lungelweni lokuhamba endleleni. Ezi vidiyo zibonisa ezinye iiteksi ezinamacango angavaleki kakuhle, iintsimbi zemoto ezingasebenzi kakuhle, kunye neteksi eqhuba ibuyela umva njengoko kusiza iimoto ezingenayo, zishiya abakhweli besoyika.

    Othethe egameni lombutho weemoto uEleanor Mavimbela, naye ukwamkele ukuxhalaba kukaMsibi, esithi nangona le ndlela yonxibelelwano isenokuba iqale ngendlela ehlekisayo yokwabelana ngamava, iqaqambisa owona mcimbi nobungozi wokwenyani kweeteksi ezingekho semgangathweni ezindleleni zoMzantsi Afrika.

    Ukwathe bakubona oku njengekhwelo lokuba kuthathwe amanyathelo, kwaye abezomthetho kunye neshishini lezothutho kufuneka bathathe amanyathelo angxamisekileyo malunga nalo mba.

    Isithethi iBhunga leSizwe leeteksi laseMzantsi Afrika (SANTACO) uRebecca Phala uvakalise ukuba urhulumente akenzi ngokwaneleyo ukuxhasa ishishini leeteksi, ekhankanya ipesenti ephezulu yeendleko ekufuneka abanikazi beeteksi bazithwalele ukuthenga izithuthi ezintsha.

    Ukanti uTheo Malele uvumile ukuba mkhulu umsebenzi ekusafuneka wenziwe ukushukuxa umba weeteksi ezingekho sikweni. Imiba yezithuthi ezingekho mgangathweni ngokuthetha nabaqhubi phantse kuzo zonke iintlanganiso njengenxalenye yenkqubo zabo yokunikezela ngeenkonzo kubakhweli ukuze bajonge into ekufuneka beyenzile njengeshishini ukuqinisekisa ukuba iiteksi zikhuselekile.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks