UBabalwa Majavu onguCeba kuMasipala iMbhashe babambe umthandazo kwindlela ephakathi kweDutywa neNyhwara.
Namhlanje i-ofisi yesithethi, iMoral Regeneration Movement, iSANRAL kunye neForam yoKhuseleko loLuntu babambe umthandazo owodwa wokuthandazela izinga eliphezulu leengozi ezimanyumnyezi zendlela uN2 ezenzeke phakathi koMthatha neDutywa ingakumbi eNyhwara.
UMajavu uthi esi sigqibo sokuzafaka umthandazo kwilinge lokucoca ezindlela kwimimoya engalunganga ziinzame zokukhulula loo miphefumlo ukuze kuhle iizinga leengozi kulendlela.
“Sithathe esi sigqibo siyiMoral Regeneration Movement siyokwenza imithandazo kwezindlela sithathe imiphefumlo engazange yathathwa kwaye sithandazele iintsapho ezabhujelwayo kunye nabo basebenza kumaziko oncedo lokuqala basebenza kwezingozi,” utshilo.
