Home Iindaba UDuduzile Zuma-Sambudla uzakuvela enkundleni malunga nezidubedube zikaJulayi ka-2021.

    UDuduzile Zuma-Sambudla uzakuvela enkundleni malunga nezidubedube zikaJulayi ka-2021.

    Izidubedube zikaJulayi zonyaka ka-2021 zanyakamisa iindawo ezithile eKwaZulu-Natal naseRhawutini zakhokelela ekutshatyalalisweni kwempahla nokuphangwa kwamashishini.

    Umfanekiso: Ilungu lombutho i-Mkhonto weSizwe ePalamente uDuduzile Zuma-Sambhudla.

    Ilungu loMkhonto weSizwe (MK) yePalamente (MP) uDuduzile Zuma-Sambudla uzakuvela enkundleni ngoLwesine, namhlanje umhla wamashumi amathathu (30) kweyoMqungu 2025 malunga nezidubedube zikaJulayi 2021.

    Lo mbhodamo ugungqise iindawo ezithile KwaZulu-Natal naseRhawutini nokwakhokelela kukutshatyalaliswa kwempahla nokuphangwa kwamashishini.

    Bangaphaya kwamashumi amahlanu abaphembeleli abatyholwa ngokuceba ubundlobongela abazakuxoxwa.

    Izidubedube zangoJulayi ka-2021 zavela kuqhanqalazo oluthe gqolo befuna kukhululwe owayesakuba ngumongameli uJacob Zuma owayevalelwe entolongweni ngenxa yokudelela inkundla ngo-2021.

    Nangona kunjalo, uqhanqalazo luye lwaba lubi kakhulu xa abantu beqala ukuphanga amashishini.

    Abanye bade batshisa iimoto kwaye kamva babelane ngemifanekiso yezehlo.

    Ngelo xesha, intombi yowayesakuba ngumongameli yayibonakala incoma esisenzo ngokubhala kwikhasi lakhe lonxibelelwano esithi “Siyanibona”.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks