By Asipile Kitchen.
Abahlali baseMzantsi Africa bavukele kwindaba ezimnandi emva kokuba uEskom ekunqumamisile ukucinywa kombane ngoLwesithathu, 26 kweyoMdumba ngentsimbi yesihlanu kusasa.
Oku kuza emva kokunyuswa kwesigaba sokucima kombane ukusuka kwinqanaba lesithathu ukuya kwinqanaba lesithandathu kwimpela veki edlulileyo ngenxa yokulahleka kweyunithi ezilishumi kwi-Power Stations ezingundoqo.
UEskom uthe bakwazile ukubuyisa umthamo owoneleyo wokwenza umbane kwaye bakwazile ukubeka oovimba aboneleyo bexesha likaxakeka.
“Nangona ukuzaliswa kwakhona kudingeka, olu phuhliso luzokhokelela ekuzinzeni kwenkqubo yamandla”, ubhale watsho.
Ulondolozo oluqhubekayo locwangciso lume ku-6,660MW, lulungelelaniswe neqela lamaqhinga azosetyenziswa ugcina umbane ngexesha lasehlotyeni.
“Elinqanaba liphezulu lokugcina umbane liyimfuneko xa kulungiselelwa ixesha lasebusika, likwanyusa izinga lokuthembeka nokwenza iimfuno zolawulo”, uqhubeke watsho.
U-Eskom uzophinda enze unxibelelwano kwakhona ngoLwesihlanu, 28 February – okanye xa kuye kwakho olunye utshintsho olwenzekileyo.
