UMphathiswa wezemfundo uFundile Gade ukugxeke kakhulu ukubulawa komfundi wesikolo samabanga aphakamileyo iToise obesenza iBanga le sithoba (9), oxhatshazwe ngomnye umfundi ngomhla wesithathu (3) kweyoKwindla kulinyaka, ngaphakathi esikolweni.
UGade uthe le yinto eyothusayo kwaye engamkelekanga. “Sikhwazwa kukufa komfundi oseze ngobuso ezweni, sifuna abazali ukuba basebenzisane nathi ukuze izikolo zibe ziindawo zokufunda, zingabi ziindawo zolwaphulo-mthetho,” utshilo kwingxelo ekhutshwe lisebe.
Isebe lezemfundo eMpuma Koloni lithi lithumele iingcali zoogqirha bengqondo nomphefumlo ukunceda abafundi, ootitshala, kunye nosapho kolusizi
