Home Ezemidlalo UGayton McKenzie uncoma iBafana Bafana njengeqela lexesha elizayo

    UGayton McKenzie uncoma iBafana Bafana njengeqela lexesha elizayo

    UMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko uGayton McKenzie uncome iBafana Bafana njengeqela lexesha elizayo, esithi benze ilizwe laziqhenya.

    Ubethetha kwisikhululo seenqwelo-moya sase-OR Tambo e-Ekurhuleni, eMpuma yeGoli, apho iqela lebhola ekhatywayo lesizwe lifike khona emva kwephulo labo leNdebe yeHlabathi.

    Izihlwele zabalandeli zisesikhululweni seenqwelo-moya ukuza kwamkela iqela, elithe, okokuqala kwimidlalo yalo emine kumsitho womboniso wehlabathi, laphuma kwizigaba zamaqela ngaphambi kokuba likhutshwe yiCanada.

    “IBafana Bafana yayisoloko iyintlekisa; besisoloko singathethi ngeBafana Bafana. Asizange siphumelele nxamnye neCanada, kodwa lowo ngowona mgama sihambe sayofikelela kuwo njengelizwe, oko kuthetha ukuba sinokuya phambili emva koku. IBafana Bafana liqela lexesha elizayo, jonga iminyaka kaRelebohile Mofokeng noMbekezeli Mbokazi.”

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks