Home Ezemfundo UGodongwane uvakalise ukungoneliseki yinkqubo kaNSFAS

    UGodongwane uvakalise ukungoneliseki yinkqubo kaNSFAS

    By Nyameka Lamani 

    UMphathiswa wezemali u-Enoch Godongwana uthe ukuba bekusiya ngaye, ngeyivalile iNational Student Financial Aid Scheme (NSFAS) ngenxa yemicimbi yolawulo olungalunganga, urhwaphilizo, kunye nezinye iingxaki zolawulo ezilukhathazayo eli ziko.

    Omnye unobangela wokunganeliseki kwakhe kukuba iNSFAS iqeshe iinkampani zabucala ezine(4) ukuba zenze umsebenzi ekufanele ukuba iwenze ngokwayo, nto leyo echaphazela kakubi ukusebenza kakuhle nokonga kwenkqubo.

    Ubalule ukuba umsebenzi kaNSFAS kukuthatha imali kwisebe lemfundo ephakamileyo iyigqithisele kwiidyunivesithi.Nangona kunjalo, benze into engaqhelekanga ebizwa ngokuba yiNSFAS, apho igosa eliphethe i-ofisi(CEO) lifumana imali eninzi kunoMongameli woMzantsi Afrika.

    Le ngxaki iye yaxoxwa nakwinqanaba eliphezulu kurhulumente, apho kuye kwavakaliswa ukhathazeko olufanayo malunga nokungasebenzi kakuhle kwale arhente.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks